Kuphuculwi ubomi bimibhinq
Sikuphathele 1-1999 Soul City Health & Development Worker of the Year
K
 wisihika-hika sethoko ebeliseGallagher Estate eMidrand eJohannesburg, uMarley Fakier utyunjwe njengo-1999 SouI City Health and Development Worker of the Year ngomsebenzi wakhe awenza namabhinqa.
UMarley ohlala eRoodepoort eJohannesburg ukuqhelile ukuyilwela into afuna ukuyiphumeza. Wachitha iminyaka emininzi esilwa nocalucalulo lweentlanga yaye umsebenzi wakhe wokuzama ukuphucula amabhinqa uwuqale elilungu lombutho owawubizwa ngokuba yiFederation of Transvaal Women.
Waqeqesha abantu abazinikeleyo nabangajonganga ntlawulo ukuze bavule izikolo zabantwana abaselula yaye wenza izifundo zezo zikolo eziququzelela ukungacalulani ngokobuhlanga. Waseka umbutho weWomen Against Women Abuse (iWAWA) emva kokuba ngobunye ubusuku wadibana nebhinqa elaliphethwe gadalala elalihamba nabantwana balo ababini. Elo bhinqa lalisengxakini yokuba lingenandawo ikhuselekileyo elinokuhlala kuyo. l-WAWA ngumbutho ozama ukulumkisa amabhinqa ngokuphathwa gadalala yaye inamakhaya egcina kuwo amabhinqa aphathwe gadalala.
Ngasekupheleni kweminyaka yoo1 980 uMarley wakhathazwa kukubona ukuba amabhinqa akanalo ulwazi olungawenza abo kwizikhundla eziwafaneleyo eluntwini. Waqaphela ukuba amaphulo ayeqaliswa ngamabhinqa ayegqibela sele ephethwe ngamadoda, waza wenza iqonga apho amabhinqa avela kwiinkalo ezahlukeneyo zeli enokucebisana khona.
lziphumo zoko zaba zezokuba uMarley wanikwa ilungelo lokuseka umbutho oza kufundisa amabhinqa ulwazi lokuba ziinkokeli eMzantsi Afrika. Emva koko kwasekwa iWomens lnstitute for Leadership, Democracy and Development.
Ekuqa!eni wayesilwa nocalucalu!o Iweentlanga, ngoku uzama ukuphucula
ubomi bamabhinqa -ogqweslleyo kwi-1999 Soul City Hea!th & Deve!opment Worker of the Year, uMarley
Fakier, ubesoloko
UMarley Fakier ogqwesileyo kwi-1999
Soul City Health and Development
Worker ot theYear Award.
Kweli theko uMphathiswa wezeMpilo, uGqr. Manto Tshabalala-Msimang ukugxeke kakhulu ukuphathwa gadalala kwamabhinqa. Eyona nto ibalulekileyo asikuko ukuba mangaphi amabhinqa adlwenguliweyo okanye aphethwe gadalala, qha kukuba amabhinqa eMzantsi Afrika ayadlwengulwa na okanye aphathwe gadalala.
Asifuni nesinye isenzo sokudlwengulwa okanye sokuphathwa gadalala kwebhinqa ekhaya. Nasiphi na isiganeko sokuphathwa gadalala kwebhinqa, ukubethwa, ukuthukwa, ukuphazanyiswa engqondweni okanye emphefumlweni, asamkelekanga tu, utshilo.
UTshabalala-Msimang uthe eyona nto ibatutekileyo ebomini kukuhtonela isidima sobuntu namalu ngelo abanye abantu.
134 BONA XHOSA - February 2000
enomsebenzi awenzayo
Naku abakuzuzileyo
UMarley uzizuzele ibhaso lakhe leH 0 000 kwakunye ne-R25 000 aza kuyisebenzisa kwiphulo lakhe. Abanye abahlanu abafikelele kumanqam, uMelta Bhungane, uClaurina Moiloa, uFikiswa Gxaba, uRebecca Oliphant noprincess Mzobe emnye kubo uzuze i-R2 000.
Bobathandathu abafikelele kumanqam olu khuphiswano bafumene izatifiketi zokubancoma ngomsebenzi wabo, unomathotholo ophathwayo odlala amakhasethi nee-CD. Abo bebesuka kweminye imimandta yeli bantingiselwe ejohannesburg ukuya kwitheko lonikezelo lwamabhaso -kwaye abanye kubo bebeqala kwaukukhwela inqwelo-moya.
Bonke baluncomile olu khuphiswano ngetithi lunendima enkulu ekuwongeni oonompilo nabaphuculi boluntu ngomsebenzi wabo. Kwakhona bavumile ukuba asingabo bodwa abenza amaphulo abo aphumeleleyo, koko inkulu nendima edlalwa ngabasebenzi abazinikeleyo boluntu abavelakulo. g
Amacebiso Aluncedo
Amacebiso aluncedo okonga ixesha, imizamo nemali.

Manzisa umtya phambi kokubopha imithwalo. Umtya uza kurhwaqela xa womile ubophe uqine umthwalo.

Xa ufuna i-.avocado ivuthwe ngokukhawuleza, yifake kwibhegi emdaka ngebala kunye nebhanana.

Faka iphephendaba elifresh ekhabhathini yelinen ukuthintela amanundu.

Xa iiglasi zingene ngaphakathi kwezinye, faka le ingaphantsi emanzini ashushu uze ugalele amanzi abandayo kule ingaphezulu -ziza kwahlukana ngokukhawuleza.

Ukuze izihlangu zinuke kamnandi, galela ibaking soda ngaphakathi uziyeke ubusuku bonke ngaphambi kokuyisusa.

Ukuze ugcine irniyalelo ebhalwe eyezeni, qaba imibalo ngesiqabi nzipho engacaciyo. Oku kuhincedo ukuze ingacimeki lula.

Ukuze amaqanda angadibani xa uwaqhotsa, beka irnetal pastry cutters epanini ugalele amaqanda.

Xa ucoca ifriji, yithi qaba ivanilla essence elaphini ukuze ifriji ihlale inuka kamnandi.

Ukuba iziphu ayizipheki kakuhle, hlukuhla italcum powder kuyo, okanye bhala ngepensile ecaleni kwayo.

Ukususa ibhiya okanye ibala lewayini elaphini, yimfaxaze ngesiponji ngecephe elinye ledomestjc borax kumanzi ayi.600rnl.

Ungaze ubeke ivazi eneentyatyambo ecaleni kwesitya seziqhamo njengoko iigesi ikhutshwa ziziqhamo zingenza iintyatyambo zife ngokukhawuleza.
WORD PUZZLE NO: 31
UNGAWNA
i-R30 000!
KODWA XA LINGEKHO INGENELO
ELICHANE NGOKUTHE GQATHU, INGENELO
ELINEEMPOSISO EZIMBALWA LIYA KUWINA

-R 000!
KUQALA, FUNE)A APHA

H NGOKUNGENELA iBona WORD PUZZLE YETHU UYA KUBA UNCEDA ABANTU ABANINZt. Kunjalo konye. imali oyithumelayo iyci ebhankini, ize ke isetyenziswe ekuncedeni abantu bakowethu kwilizwe liphela. lsetyerziswa ekwakheni iipaki zokudlalela. ekuthumeleni abantwana esikolweni, ekwakheni amagumbi okufundela. nakwezinye zinto ezininzi ngokunjalo. Ngako oko ke. khumbula. uya kuba unceda abanye abantu.
UYA KUBA UVAZINCEDA NAWE. Kulungile ke, le puzzle iya kukunceda ekufundeni isiNgesi. Ukubci unegama ongalaziyo. buza kumhlobo wakho ukuba lithetha ntoni na. okanye ke ulikhangele kwisichazi-magama. Uya kumangaliswa yFndlela isiNgesi sakho esiya kuya siphucuka ngokuphucuka ngayo. Kanti ngaphezu!u, unokuwina isityhwentywe seMALI!
OMAWUKWENZE
Kuqala, jonga kwikhasi elilandelayo. Ubona ingeneto neepuzzle ezintathu, ziyafana zonke? Kulungile ke, inye kuzo IiNGENELO, kwciye ukuba ujonga ngaphaya kwikhasi, uya lufumana amanye amangenelo amane. Ngoku ke, uyayibona na indlela ipuzzle eyenziwe ngayo yazizivakalisi ezingarna-20, namagama amabini okanye cimathathu kwizibiyeli kwindawo ethile nje kwisivakalisi ngasinye? Ngoku ke, kuphela omawukwenze kukuba ugqibe ngelona gama tilunge kweso sivakalisi kwiseti nganye yezibiyeli kwisivakalisi ngasinye uze ulibhale ke kwizithuba ezingakwisivakalisi ngasinye, ubhala unobumba abe mnye kwibhloko nganye. Kanti ke usenokuziva ufuna ukukhetha elinye igama kwizivakallsi xa uzalisa elinye ingenelo. Kanti ke, usengawenza angafani onke amangeneto akho. Phofu ukuba wenza ngale ndlela unethuba elibhekele phaya lokuwina ibhaso elikhulu.. Nanku umzekelo wokuzalisa isivakalisi ngasinye:
NGENELA NGOKU!
.4
UYAYIBONA KE INDLELA
EKULULA NGAYO
KULUNGILE KE!
lngenelo ngalinye olizalisayo lixabisa i-RI. Lilonke ke xa uzaiise Ialinye kufuneka uthumele iDoncition Coupon ye-Pl, ukuze uthi ukuba uzalise amabini, ibe yiDonation Coupon ye-R2. Ukuba ke uwazcilise osixhenxe la mangonelo, kuya kufuneka uthumele iDonation Coupon ye-R7. Ezi Donation Coupon zifumaneka eposini.
UKUTHUMELA
AMANGENELO AKHO
Makhe sithi nje uzalise amangenelo amahlanu. Loo nto ke ithetha ukuba kuya kufuneka uthenge iDonation Coupon ye-R5 (ukhumbule, ingenelo ngalinye liyi-Rl). Ngoku ke, bhala igama lakho ne-dilesi kwifomu yokungenela esekugqibeleni ecaleni kwepuzzle ezintathu kwikhasi.
NGOKU - OKU KUBALULEKE KAKHULU. KRAZULA IPHEPHA LEMAGAZINI LONKE NGOCOSELELO MUSA UKUSIKA UKHUPHE
NALIPHI NA KUMANGENELO.
Ngoku ke, bhala ukuba iposoda yakho mayihlawulwe kwiBONA uze ke ufake iphepha elo liphuma kwiBona kunye neDonation Coupon yakho kwimvutophu enye uze uyithumele apha: Bona Word Puzzle, Box 32046, obeni, 4060. Ungawoposi nge-rejista amangenelo akho, kunoko, se-benzisa loo mali yereFista ngokuzatisa amanye amangenelo. uze uqinisekFse ukuba amongenelo akho uwaposa kakuhle phambi komhla wokuvalwo kolu

khuphiswano ongulo:
25 FEBRUWARI 2000
1MITHETHO
1.	Ungawathumela arnangerielo abe maninzi kangangoko uthanda. Bhatanl ngebaltpoint kuphela. tikopi ezifotiweyo kunye nezinye iikopi ozifanelekileyo ziya kwamlcelwa. Amangenelo kufuneka akhatshwe yiDonation Coupon okanye iPostal Order yemali epheleleyo kungenjalo alcasayi kwamkeleka,. 2. Amangenelo akasayi kwamkeleka ukuba ngaba omnye unobumba ubhalwe phezu komnye okanye xa nawaphi na amagama engafundeki.
3.	Akakho oya kugqitha ngaphaya kwezigqibo zabagwebi.
4. Nabani na angalungenela, ngaphandle kwaba-sebenzi base-Caxton Magazines kunye neentsaphu zabo ezikufutshane.
5.	Naliphi na ingenelo elifika kuthi emva komhla wokuvala alisayi kusiwa so. Asisayi kuba natyala ngeefomu zokungenela ezilahlekayo olcanye ezifika emva komhla wokuvala.
6.	Ukuba akakho owine mpela. ibhaso lentuthuzelo elingama-R6 000 liya kunikwa umntu othumele ingenelo eliphantse lachana. Ukuba kukho abantu abangaphezu komnyo kwibhaso elikhulu okanye kwelentuthuzelo imali iya kwabiwa ngokulinganayo.
7.	lgama okanye amagama abaphumelele kwiWord Puzzle No 3 aya kukhutshwa lcushicilelo luka-Meyi 2000 lwe8ena.
8. Amabhaso akulchutshelwa kuphela abakwi-ndawo ezisebenzisa iiRandi eziyimali yoMzantsiAfrika. 9. Abantu abaphumelele kwiWord Puzzle kufuneka bavume ukufotwa.
0. Amabhaso angalandwanga ngabanini bawo de kwaphela iinyanga ezi-6 abasayi kuwafumana.

Khumbuta, kuya kubakho iWord Puzzle eNTSHA
kwiBona yenyanga elandelayo, ekun ika ELINYE ithuba lokuwina ibhaso elikhulu esandleni!
13 BONA XHOSA - lebruary 2000
ntII1I f1A
U-ANDREW SEKAJE LALASIE KELEBOGILE unama-25 eminyaka. Uthanda ukuqhagamshelana namanenekazi athembekileyo, athandekayo aneminyaka ephakathi kwama-21 nama-25. Uthanda ukubukela umabonakude, ukumamela iR&B nokufunda. Fvlbhaleleni ngesiNgesi okanye isfswanci kule dilesi: 545 Sehume Street, Tshing Locafion, Venfersdorp
2710.

ULINDI MAGONSO uthanda ukupheka, ukuya ecawenF, ukusebenza egadini. ukuthunga, nokufundo nokuthengelana nezipho. Uneminyaka engama-45 uthando nabantu jikelele. ldilesi yakhe ithi: Box 1857, Manzini, Swaziland.

UNTOMBEKAYISE SONDLO
unama-20 eminyaka ufuno ukuqhagamshelaria nabantu abaneminyaka ephakathi kwama-20 nama-24. Uthanda ukufunda imagazini nokubhala iileta. Mbhaleleni ngesiNgesi okanye ngesixhoso nifake neefoto kule dilesi: C714A Site C, Khayelitsha 7784.
UMVULA tvIALINDI, odilesi ithi:
BOX 7959 CARGO PARK, ZAMDELA 9570 uthanda ukuqhagamshelana nabantu beentlanga zonke. Uthanda ukufota, ukufunda. ukubhala nokubukela umabonwakude. Mbhaleleni ngesiNgesi, isiSutho, isiZulu, isiTsonga, isipedi nesiXhosa.

UTHABO A. MOTAUNG unama-
20 eminyaka uthanda ukufunda, ukudlala ibhola ekhalywayo nokumamela umcuto kaR. KelIy noBob .Marley. Manenekazi aneminyaka ephakathi kwama-1 7 nama-2 1 mbhaleleni kule dilesi: Nigel Prison, P/ Bag x3009 Nigel
1490.

ULUCK MTSHALI onama-32 eminyaka uthanda ukuqhctgamshelana nabantu abaneminyaka ephakathi kweli-18 nama-35jikelele. Uthonda ibhola ekhatywayo neqakamba. Mbhaleleni ngenye yeelwimi zaseMzantsi Afrika kule dllesi: Box 61256, Bishopsgate, Durban 4008.

UJ.P. BULLUBA ungumm
UMARY SEATLE, waseBox 501, eMoija 190, Lesotho, ngumsuthu oneminyaka engama-47 uthanda ukuqhagamshelana noMkrestu oneenjongo zokutshata. Abatshayayo nabaselayo bangazihluphi ngokubhala. Uthanda ukufunda iincwadi zezibhalo, ukumamela umculo wegospile nokuya ecaweni.

UDONOVAN MINGO uthi uligatyo lomfana elihloniphekileyo elithanda inttonipho. Uneminyaka engama-27 uthanda ukubukela umanbonwakude, ikarati neevidiyo, ufuna inenekazi elizimisele ngokutshata. Mbhaleleni nifake neefoto kule dilesi: P/Bag X 6055. Port Elizabefh 6000.

UCHRISTIAN TOMBIZANA, wasecharingeno Secondary School, P/BAG 146 Z, Zaka, Zimbabwe, uneminyaka eli-18 uthanda ukubhala iileta, ukubukefa iifilim, nokudlalo ibhola ekhatywayo nokwakha ubuhlobo. Manene mbhaleleni ngesgesi okanye isiShona.

UNAKANYALA MONICA uncima
20 eminyaka uthanda ukubukela umabonwakude, ukuqubha nokumamela umculo opholileyo. Unqwenela ukubhalelana nabantu abaneminyaka engama-23. Mbhaleleni ngesiNgesi nifake neefoto kule dllesi: Ongula-yanetanga, Box 1567 Odangwa, Namibia 9000.

Uz. DITHUBE, wase-P.O. Silkaatskop, Madikwe 2852, ucela ukubhalelana namanenekazi aneminnyaka ephakathi kweli-15 ne-19 ambhalele ngesiNgesi. Uthanda ukudlala ibhola ekhafywayo, ukuya ecaweni, ukumamela unomothotholo nokufunda iimagazini neenoveli.

UJOEL PHEELLO unama-31 eminyaka uthando ukubhalelana namabhinqa onama-23 ukuya kuma-29 eminyaka. Uthanda umculo. ukumamela unomathotholo neendaba zikamabonakude. ukukhenketha nabahlobo abathembekileyo. Mbhaleleni nithumele neefoto kule dilesi:
Depf. ot Correctional Services, Medium A Prison, P/Bag X 23 Ktoonstad 9500. 
ifilim, ukufunda nelinomdla ngomtshato elifuna abanlwana. Nabani na angabhata ngaphandle kwabahlali baseVenda kule dilesi Box 9527, Stinkwater, Hammanskraal 0400.

UVOSE NICODIMUS MATSHELANE uthanda ukuqhagamshelana nabantu abaneminyaka eli-14 ukuya kweli-15, Uthanda ukuba nabahlobo abanentliziyo entle, ukubuketa umabonakude nokumamela umculo. Mbhaleleni kule dilesi: Box 2595, Chnstina

2680.

UEMILV MODISA unama-30 eminyaka akatshatanga akanabantwana uyazihlaleia. Uthanda ukuqhagamshelana namadoda anQma-35 ukuya kuma-40 eminyaka angenabantu ancuma nabo, Kufanele bathande icawa. Mbhaleleni ngesitswana, iSisuthu, iSizulu okanye isingesi nithumele neefoto kule dilesi:
Box 1 234, Embalenhle 2285.
UMAMA X waseHouse No.3721, Makete Kete Street, Zone 3, Diepkloof 1864
linenekazj elinama-45 eminyaka onqwenela ukudibana nenene elinothando, elingaseliyo nelingatshayiyo. Usindisiwe uthanda ukubukela umabonwakude, abantwana nokufunda iBhayibhiie.


UDUMISANI ZUZANI, wciseBox 3605, EXT.7, Grahamstown
6139, tel. (046) 637-08.49, uneminyaka engama-20 uthanda ukuqhagamshelana nabantu abaneminyaka ephakathi kweli-1 7 nama-24. Uthanda ukudtala ikarate, ukubukela iifllim, ukuya ezipatini nokwenza iidemo tapes. Mbhaleleni ngesiNgesi, isiXhosa okanye isiZulu ubhale nenombolo yefowuni eleteni.


UCYRIL THEFE ulisoka elinqwenela ukubhalelana namanenekazi angamaKrestu azimiseleyo ngobom. Uffianda
ukuya ecaweni nokubukela umabonwakude.
Akafundanga, kodwa ucela amanenekazi ambhalele ngesisuthu kule dilosi:
Thohoyandou Medium A Prison, P/Bag x 2325, Sibasa
0970.

UD.M. MBELE igqiyazana
elinama-22 eminyaka elinqwenela ukuqhagamshelana namadoda aneminyaka engama-25 ukuya kuma-30 eminyaka. Ndithanda ukumamela umculo, ukubukela umabonakude nokuya ejimini. Mbhaleleni kule dilesl Box 679. Marble HalI
0450.

UGLADYS MAEPA unama-34 eminyaka ulilolo. Ufuna iqabane, elithembekileyo, elinenkathalo nelilumkileyo. Mfowunelenl kule nombolo (01 1) 646 -0753 okanye mbhaleleni kule dilesi: Galwey Road, Parkview 2193 nithumele neefoto, 
.iiii J&
vlvIl ivuv
v1IIl uvv
142 BONA XHOSA - February 2000
llu]
T
UJONAS TJALE, waseBox 5
eKoringpunt 0632 unama-36 ucawa eZCC. Uthanda umculo wegospile kwaye ufuna umhlobo onama-25 nama-30 eminyaka. Amabhinqa anabanlwana amkelekile kodwa abatshayayo nabaselayo bangazlhluphi. Mbhaleleni nithumele neefoto.


UMANKO M. MOLEFI
uneminyaka engama-40 unomntwana omnye. Uthanda ukuqhagamshelana nendoda enama-40 ukuya kuma-50 eminyaka ozimiseleyo ngobomi. Uthanda ukupheka. ukuya ecaweni nokusebenza egadini. Mbhaleleni. ngeSisuthu okanye iSitswaria kule dilesi: 63 Haarlem Street, Dagbreek.
Welkom 9459.


ULUSIFA KEONYADITSE ligalya elinama-25 eminyaka elisebenza ebhankini. akatshayi unqwenela ukuqhagamshelana nebhinqa oline-19 ukuya kuma-24 eminyaka. elithanda ukubukela
